UMgaqonkqubo woLwimi wase-UCT owamkelweyo usungulwe ngokusesikweni

11 March 2025

Basebenzi kunye nabafundi

Ekubetheleleni ukuzibophelela kwethu ekusetyenzisweni kweelwimi ezininzi, uqukaniso kunye nenguqu ngokuhambelana noMbono wethu wama2030, ndinovuyo ukwazisa uluntu lweyunivesithi ukuba iBhunga leYunivesithi yaseKapa (iUCT), kwintlanganiso yalo yokugqibela yesiqhelo ngoDisemba wama2024, liphumeze uMgaqonkqubo woLwimi weUCT kunye nenkqubosikhokelo yawo yokuphunyezwa kwayo.

Lo mgaqonkqubo uya kusinceda ukuba samkele iyantlukwano engaqhelekanga kuluntu lwethu kunye nemeko apho ulwimi luxatyiswayo njengesixhobo sokufunda, sophando nonxibelelwano.

Umgaqonkqubo wolwimi waseUCT ohlaziyiweyo uneelwimi ezininzi, isiNgesi, isiXhosa nesiAfrikaans njengeelwimi ezisemthethweni zeyunivesithi. Ukongeza, umgaqonkqubo uchonga iAfrikaaps (iKaaps), uLwimi lokuThetha ngeZandla loMzantsi Afrika (iSASL) nesiKhoekhoegowab kunye nesiN|uu njengeelwimi eziya kuphuhliswa yiUCT.

Lo mgaqonkqubo ugxininisa ukukhuthazwa kweelwimi zomthonyama zoMzantsi Afrika ezingasetyenziswayo ekufundiseni, ekufundeni, kuphando nakunxibelelwano. Oku kuquka ukuxhasa isiXhosa njengolwimi lokufundisa elihambelana nesiNgesi nokukhuthaza abafundi nabasebenzi ukuba babandakanye iindlela zokusetyenziswa kweelwimi ezininzi kumsebenzi wabo wokufunda.

Amalungiselelo angundoqo omgaqonkqubo ngala:

  • Ukufundisa nokufunda: Bonke abafundi abangekabinazidanga baya kukhuthazwa ukuba bathathe izifundo zonxibelelwano kwisiXhosa ukuba bakwazi ukuthetha iilwimi zesintu zoMzantsi Afrika. Kubafundi abasele benezidanga, sijolise ekufuneni ukuba izishwankathelo zee-PhD ziguqulelwe kolunye lweelwimi zesintu ezingahoywanga. Ukongeza, siya kukuxhasa ukusetyenziswa kweelwimi ezisemthethweni kwiithisisi kunye nee-dissertation.
  • Uphando kunye nezifundo zokufunda: Umgaqonkqubo ubophelela iyunivesithi ekuxhaseni uphando nangeelwimi zesintu, ibonelele ngemithombo yoncedo kubafundi kunye nokukhuthaza uphuhliso lwezixhobo zolwimi ezingqalileyo. Siza kukhuthaza nophando malunga nokufundisa ngeelwimi ezininzi kwimfundo ephakamileyo.
  • Unxibelelwano: Unxibelelwano lwangaphakathi kwiyunivesithi, olufana nezaziso nezibhengezo, luyakwenziwa lufumaneke ubuncinane ngeelwimi ezimbini ezisemthethweni, apho ithuba nonxibelelwano luvumela khona. Kananjalo sizakuzama ukuqinisekisa ukuba unxibelelwano lwethu neelwimi ezikhethwa ngabachaphazelekayo bangaphandle, sisebenzisa iilwimi zaseMzantsi Afrika ezisemthethweni kwakunye nomgaqonkqubo wolwimi weUCT ngokufanelekileyo.

AmaSebe eMfundo kunye neleeNkonzo zeNkxaso kwezoLawulo  Buchule (iPASS)  aya kuphuhlisa izicwangciso zokuphunyezwa lweelwimi ezilungele iimfuno zabo eziza kuvunywa yiSenethi – kunye nophononongo rhoqo emva kweminyaka emihlanu. IKomiti yoMgaqonkqubo woLwimi iya kuzixhasa ezi nzame, phakathi kwezinye izinto, ngokubonelela ngeenkonzo zoguqulo, ixhasa amaqhinga okufundisa ngeelwimi ezininzi nokukhuthaza uphando ngeelwimi zesintu.

UMgaqonkqubo woLwimi waseUCT kunye nenkqubosikhokelo yawo yokuphunyezwa, uphehlelelwe ngoLwesine, umhla wama27 kweyoMdumba ngowama2025, ngexesha lokubhiyozela uSuku lweeLwimi zeeNkobe lweHlabathi leUCT.

Lo mgaqonkqubo ubonakalisa ukuzibophelela kweUCT ekuqinisekiseni ukuba ulwimi alusenguye umqobo kwimfundo, kodwa luyibhulorho kulwazi, ukuqhubela phambili kunye nokusungula izinto ezintsha. Ngokuzama ukuba yindawo esebenzisa iilwimi ezininzi, sijolise ekuxhobiseni abafundi nabasebenzi bethu ukuba bazi bandakanye kwiilwimi neenkcubeko ezahlukeneyo, ngaloo ndlela siya kuba negalelo kumava emfundo aqukayo naguqulayo.

Siyaqonda ukuba ukuphunyezwa ngempumelelo kwalo mgaqonkqubo kufuna inzame edibeneyo yomntu wonke kwindawo yethu. Intathonxaxheba ekhutheleyo kunye nenkxaso yabo bonke abasebenzi nabafundi, iya kubaluleka kakhulu ekwenzeni lo mbono ube ufikeleleke.

Sikwaqaphela ukuba, uluntu lwaseUCT lunokuba nemibuzo engxamisekileyo malunga nomgaqonkqubo nokuphunyezwa kwawo. Malunga nayo nayiphi na imibuzo okanye iinkxalabo, kucelwa uqhagamshelane nefakhalthi yakho okanye isebe lakho, kwaye abaphathi bamacandelo baya kunxibelelana neProjekthi yeMfundo yeeLwimi eziNinzi yaseUCT ukuze oku kusonjululwe nokuba kungeeseshoni zamaqela esebe okanye ngeempendulo ezibhaliweyo.

Masiqhubeleke nokuzinikela kwethu ekwenzeni iUCT ibe liziko elibandakanya wonke umntu nelahlukeneyo.

Sisonke siyiUCT!

Ozithobileyo

UNjingalwazi Mosa Moshabela
USekela Tshansela


Read previous communications:


Creative Commons License This work is licensed under a Creative Commons Attribution-NoDerivatives 4.0 International License.

Please view the republishing articles page for more information.


TOP